





USheila owayesakuba
nguMiss Kaizer Chiefs, imvumi nomdlali, usoloko eyigadile indle!a abukeka ngayo, umzimba wakhe ngokunjalo nemilenze yakhe emihle.



















































Uthanda ukutya okusempilweni
okungatyebisiyo.
USheila wahlukile kwezinye llndwalutho kuba wenza yonke imisebenzi yekhaya - nkqu ukupheka, ukuhlamba impahla nokuayina.
BONA XHOSA - December 1 996 1 5

Ngenxa yobuhle bakhe, isiphiwo anaso nokuzithemba uSheila watyikitya isivumelwano nabafuni-badlali, ngethamsanqaL.. wafezekiswa umnqweno wakhe.
Nanjengoko wayeqala wadlaliswa iindawo ezincinci. Zajikizinto ukudlaliswa kwakhe indawo kaSesi emdlalweni owawusithi Matswakabele wokuqala nowesibini. Emva koko wadlala kothi TIharatlhope, kothi Keletso nakothi Dinnete Tsa Bophelo.
Ndabona ukuba noko ndiyangcambaza ngokudlala kwam ku Matswakabele. Kwakhula ngamandla ukuzithemba kwam ukususela ngoko. Ndandiselintshontsho ngoko kanti ngoku ndiziva ndiyintombi encwase lukhulu, utshilo uSheila egigitheka.
Unqwenela ukuvela kumboniso bhanyabhanya - ifilim yokwenene.
Ndisoloko ndisiya kwimiboniso bhanyabhanya kwaye ndinqwenela ukuzibona ndidlala kuyo.
Kunamhlanje nje uSheila uncamathele emsebenzini wakhe kangangokuba sel ekholelwa ekubeni bonke ubomi bakhe buxhomekeke kuwo. Xa engekho kwindawo odlalelwa kuyo umboniso kamabonakude, ufolele omnye umsebenzi, okanye mhlawumbi ungenela ukhetho lwabantu abanamazwi amnandi ukwenzela ezentengiso kwiSABC.
Uthini malunga nobomi bakhe buphela? Kwelo kucacile okuza kuqala kuSheila.
Andinakuthetha ngokutshata okwangoku. Andithethi kuthi andizutshata ethubeni kodwa okwangoku ngumsebenzi wam into ebalulekileyo, kwaye undixakekisa kangangokuba andinaxesha lakucinga ngobo budlelwane.
Ngaba m hlawumbi ukuqhawulwa umtshato kwabazali bakhe bengabhungisanga kwamenza wangafuni nokuva ngothando nezithembiso?
ixhala lakhe, uthi, lisekubeni uninzi lwamanenekazi adumileyo athetha ngokuphandle ngobomi bawo bothando
- ze kwiinyanga ezintathu emva koko zibe ngundaba-mlonyeni ngokuphinda phindeneyo iindaba zokuba luphelelemoyeni olo thando.
Ubaxelela ntoni abantu emva koko? ubuzile uSheila. lndoda ubuqhayisa ngayo ngoku ibonwa ngabantu ibambene nesinqandamathe sayo esitsha, uzibuze ukuba kwakutheni ukuze uyiveze into yokuthandana kwenu kwasekuqaleni .
Hayi, mna anditshayi ngaloo nqawa, uqhubile. Ndiyazifihla ezo hleze sohlukane!
Mhlawumbi izwi lokugqibela likaSheila ngezothando liveza ngokuphandle unobangela wokuba angavuli mlomo ngazo, kwaye mhlawumbi Iisisilumkiso emasiqatshelwe ngamanye amanenekazi:
Omawukwazi kukuba ukhe nje wachaza igama lendoda oncuma nayo amanye amantombazana ayayileqa...














m


Igumbi lokulala lakwaGama, apho kulala umama nentombi yakhe kumandlalo wokufa be!indele ukuba nethamsanqa lokuncedwa ngumntu onovelwano.


























ISIBINI
ESINEMINYAKA
ENGAMA -22
SILELE 
EBHEDINI ENYE UFanny Gama (onama-87 eminyaka) nentombi yakhe, uLeah (onama-63 eminyaka) baneminyaka engama-30 bethuthuzelana kumandlalo wokufa, ngenxa yesifo
esibenza imllwelwe esibagcine behlala ndawonye ebuhlwempini. Bahlala kwiindawo ezizimfanta eMdzimba Mountain eDlangeni, ekuyenye yeelali zaseSwazini. Baphila ngethamsanqa, ngamallzo nangokuncedwa ngabamelwane babo kuba abanasalamane sinokubanceda. UBONGANI HLATSHWAYO uwatye!ele la mabh!nqa ayimllwelwe kutshanje. Kufote uLUCKY NXUMALO.
UFanny Gama, ixhegokazi elinem!nyama engama-83 ubudala elineminyaka engama-22 lllele ngandletyana nye nentombi yalo kwibhedi enye.


U
 BOMI bosapho lwakwaGama bebusoloko buneenkxwaleko nobuhlwempu, kanti ngoku ngathi lungxanyelwe kukoselwa kukusoloko Iulele ngandletyana nye.
ULeah, oyintombi yeli khaya, ngoyena mntu uthethayo, unina usoloko elele engashukumi, eba ejonga-jonga into engekhoyo.
UFanny Gama wayeneentombi ezintathu, kodwa ezimbini zasweleka zingekagqibi nonyaka zizelwe, kwakhula uLeah kuphela. Kwathi kwakusweleka umyeni kaFanny ngo-1947, washiyeka nentombi yakhe kuphela kuba nezinye izalamane zabo zaseziswelekile.











18 BONA XHOSA - December 1996


ISIBINI ESINEM INYAKA
ENGAMA-22 S1LELE EBHEDINI
ENYE



Nangona uLeah ubesoloko
	engumlwelwe ebomini bakhe, uluntu Iwakowabo Iuyakhumbula ukuba eseyintombazana wayekuthanda ukunceda abantu.
Wakhula waneminyaka engama-41 engazange atshate. Wayengumncedisi kwivenkile yaseNcabaneni, apho wayethunga neempahla zokunxiba. Kwakhona uLeah ubengumshumayeli kwicawe yakowabo. Wayebathanda gqitha abantwana, nangona yena wayengenabo abakhe.
Ngo-1974 waqalisa ukubonisa iimpawu zokuhlaselwa ngamandla sisifo sokutyatyamba kwamathambo, wanengxaki yeblood pressure neenyawo nezandla ezibuhlungu.
lnto yokuqala endayiqaphelayo kukuba andisakwazi ukukhrotsha, kanti yeyona nto ndandiyithanda kakhulu Ieyo, utshilo uLeah.
Kuthe ngokuhamba kwexesha, andakwazi kuphatha nto tu ngezandla zam. Emva koko ndaba nengxaki yokungakwazi ukugobisa iingalo.
Kwathi ngelo xesha akuqonda ukuba akasenakuzenzela nto, walala kwibhedi asalele kuyo nanamhlanje.
Okumangalisayo kukuba nonina uFanny waqala kwangaloo nyaka ukuba neempawu zokugula ezifanayo nezentombi yakhe.
UFanny wayefundisa eDlangeni Primary School waza waziva ukuba akasakwazi ukuma ixesha elide.
linyawo zakhe zazibuhlungu neblood pressure yakhe inyuke ngendlela exhomis amehlo. Wajika wangakwazi ukuhamba, kwafuneka agaqe endlwini xa epheka ukutya, utshilo uLeah.
UFanny noLeah bazama ukuziphilisa ngeziqhamo ezazisekhaya kuba kubo kungekho mntu unokusebenza abondle. Kodwa amakhwenkwe ayeziba iibhanana, iipesika, iiorenji neemponyomponyo aye kuzithengisa esitratweni.
Esekukuphela kwento esigcine siphila kukuthanda uThixo. Asixhomekekanga mntwini mnye, kodwa xa sithandaza uThixo uchukumisa abantu abaninzi abanovelwano ukuba bazosinceda, utsho uLeah.
Omnye wabantu abanovelwano yinqununu yaseDlangeni Primary School, uObed Msibi. Kwiminyaka emithathu edlulileyo indlu ehlala uFanny noLeah yadilizwa yimvula. lfanitshala entle ebabeyithenge besasebenza yonakala apho. UMsibi wabahlangula
nempahla yabo eshiyekileyo, wabanika indlu owayehlala kuyo esikolweni.
Xa iBONA ibityelele usapho lwakwaGama belusandul ukubuyiselwa emzini walo ngamalungu eBaphalali Red Cross Society, alwakhele indlu ngeentingo nodaka. lRed Cross yanikela nangeengubo, ukutya nempahla yokunxiba.
Ugqirha wasePortugal ogama linguAdelaide, nomhlobo wakhe uSylvia, balupha ukutya rhoqo usapho lwakwaGama. Baphinde bahlawulele umntu obahlambela impahla, apheke aze abacocele kathathu ngeveki.
SiIala sodwa ebusuku, nguThixo kuphela osoloko enathi. Maxa wambi xa umama eziva ebhetele uyagaqa aye kupheka ukutya, kodwa xa ebambekile silala izisu zincamathele yindlala, utsho uLeah.
Njengoko nawe umbona, ubambekile namhlanje. Kunzima ke xa ekule meko, kuba mna andikwazi kwenza nto -
lnqununu yesiko!o, uObed Msibi, olugcinileyo usapho lwakwaGama. Ngasemva yindlu entsha yeentingo nodaka eyakhiwe yiBaphalali Swaziland Red Cross Society.





	UL.eah Gama onama-63 eniinyaka uthi yinceba kaThixo ebenza babe basaphila nonlna yaye bafumane nabantu ababancedayo. Ecaleni kwakhe sisitya sesidudu eslngagqitywanga ebesitylswa nguLinah Khambule.




ndiza kulala kule bhedi ubomi bam bonke.
Ebutsheni balo nyaka uFanny wayevaleleke endlwini yangasese iiyure ezininzi. Wathi eselapho waphelelwa ngamandla, waza akakwazi ukugaqa aye kwigumbi lokulala. Uncedo walufumana emntwini owayezidlulela ngendlela wamva ekhala waza waya wafika elele phezu kwelindle lakhe. Loo mntu wamcoca waya kumlaliswa ebhedini yakhe.
UFanny noLeah bathandazela ukuba ngenye imini babe nemali eyaneleyo yokuqesha umntu oza kubakhathalela yonk imihla. Ezona zinto athe uLeah bazifuna ngamandla, sisitovu samalahle, ikhabhathi, itafile nezitulo nenye ibhedi.
Siphe usapho lwakwaGama ibhokisi yemifuno, iswekite neti. Sithe xa silungela ukuhamba seva okokuqala ilizwi elitsholo phantsi likaFanny Gama esithi: Enkosi kakhulu. Akwaba uThixo angasoloko enani. 



16 BONA XHOSA - December 1996

